UNGATHANDA UKUKHE UKHANGELE ?
Uvumelekile... ume kwelona thala leencwadi loluntu lidala emaZantsi e-Afrika -mhlawumbi elona thala leencwadi loluntu ludala olusasindileyo e-Afrika.
Umrhumo wencwadi esisiseko wanikezelwa kuthi ngo-7161 kwaye ithala leencwadi lazinziswa ngo-1818, imali ibifumaneka ngeenzuzo zerhafu yewayini eziqaliswe yiRhuluneli uLord Charles Somerset. Injongo yethala leencwadi ngoko yayi "kukugcina inzame zolwazi ngaphakathi kufutshane nolutsha lwale mbombo inxwemayo yeGlobhu."
Namhlanje, sisebenza njengelungu leThala leencwadi leSizwe loMzantsi Afrika kwaye nanjengesango lolwazi kwi-Afrika iphela. Nanjengesingqiniso sesizwe nethala leencwadi elilondoloziweyo, izixhobo zethu fanele zlikhangelwe kwisindululo esisisiseko sengxoxo. Iindawo ezininzi zivaliwe, kodwa wamkelekile ngamandla ukuba ujonge kwizithuba zikawonkewonke kwesisakhiwo sinika umdla sidala ngoku zikhenkethela uzikhokela ngokunokwakho.
Igumbi okanye indlu ebonisa imisebenzi yobugcisa ngasekhohlo legumbi elikhulu ekulindelwa kulo ukuqaliswa komdlalo, umculo okanye umboniso-bhanyabhanya usebenze njengeMuziyam yoMzantsi Afrika ukuya kutsho ngo-1897 xa babehambela isindululo sabo esisisiseko sengxoxo kwincam esemzantsi e-Avenyu kaRhulumente. "Umphongoma wencwadi" wezi mini wakhiwa ngo-1971 ukubamba into eninzi eyeyethu eyandayo negumbi ngokunokwalo kungoku nje lizaliswe ziimephu, imifanekiso nemibhalo-ngqangi yethu eyiNgqokelela eyodwa. Khawukhe ujonge kwimephu emangalisayo evelisweyo ebonisa nekuncedayo kwezinye zeencwadana. Ezi kunye nezinye iimveliso zobuchule zikhona ukuthengiswa ngamaxabiso afanelekileyo.
Thabatha isinyusi, zenze ngathi ulucango, kumboniso wethu wegumbi okanye indlu ebonisa imisebenzi yobugcisa kumgangatho wokuqala. Kukho umboniso oqaqambileyo weencwadi zabantwana baseMzantsi Afrika eziboniswayo kwaye uza kufumana nawe ifoto ethathwe kufuphi ebalaseleyo yenqebesha eyintloko ngaphezulu neGumbi lokuFundela ngasezantsi.
Buyela kwizitepisi zakho wehlise indlela yokuhamba , dlula iGumbi lokuKhangela uye kwiGumbi lokuFundela. Likwaziwa njengeGumbi elimbombo-sibhozo (Octagonal Room), kulapho abasebenzisi bethu badlana indlebe khona nengqokelela enkulukazi yezixhobo. Isitafu esesinamava sifumana kwakhona izixhobo kwindawo eziyi-11 zokugcina (1.7 yamahekhthare) kwesi sakhiwo sikuzisele etafileni yakho -maxa wambi kangange mizuzu eyi-6 esicelo sakho usifakile. Izixhobo ezivela kwezinye iindawo ezintathu zokugcina esixekweni ahanjiselwa kwiGumbi lokuFundela kube kanye ngemini. Izibonelelo zethu zokufumana iingqokelela, izixhobo ezigciniswe ngokusemthethweni ukusukela ngo-1873 kude kube ngoku kwakunye nemiyalelo ebalaseleyo neminikelo ingakwazisa ngephepha lokuqala elashicilelwayo eMzantsi Afrika, eyakhanyisa okwakungekashicilelwa kwamaxesha aphakathi, eGazethi kaRhulumente wayizolo okanye incwadi yamabali yakamva nje yesiXhosa yolutsha.
Ukuba ungathanda ukwazi ngakumbi malunga nathi, kukhona isikhokelo esicacisayo esifumaneka kwigumbi elikhulu ekulindwa kulo ukuqaliswa komdlalo,umculo okanye umboniso-bhanyabhanya exabisa ama-R40.00. Kwakhona ungatyelela isikhundla sethu sonxibelelwano ngekhompyutha kwa www.nlsa.ac.za.
Siyabulela ngotyelelo lwakho. Inqaku lokugqibela elinika umdla singathanda ukugqalisa kuwe njengoko unduluka, noko wenze inguqulelo kwiBhokisi yemiNikelo phaya kwigumbi elikhulu ekulindelwa kulo ukuqaliswa komdlalo, umculo okanye umboniso-bhanyabhanya.
Igosa elikhulu lothungelwano
Umnxeba: +27 12 401 9742
Ifeksi: +27 12 325 5984
Iselula: +27 72 423 8897
